Inkawu Idliw'ilila Imibuzo Emide
Inkawu Idliw'ilila Imibuzo Emide
Inkawu Idliw'ilila Imibuzo Emide
UMBUZO 1
Izigqibo azithathayo umntu zichaphazela ingomso lakhe.Ngqina la mazwi ujonge umlinganiswa
onguThantaswa.
Kule noveli umlinganiswa oyintloko onguThantaswa, ubonakala ethatha izigqibo
ezitshintsha ubomi bakhe. Ibali eli luhlobo lwebali olusekelwe kwiintshukumo
zabalinganiswa.UThantaswa ongumlinganiswa oyintloko kule ncwadi, wenza isigqibo
sokuba athandane noMsindisi Yangaphi kuba embona efumile. Esi sigqibo simkhokelela
ukuba alahle isithandwa sakhe uMfuneko nasele enomntwana kunye naye. Uthatha
isigqibo sokutshata noMsindisi, athi sele etshate naye kube kubi kungabikuhle
emtshathweni wabo kuba umyeni wakhe efuna ukuzeka isithembu.
UMfuneko Mnenga:
Ngokumthiya igama
• Umthiye igama lokuba nguMfuneko wamnika nefani ehambelana nezenzo zakhe enguMnenga.
Xa ulicazulula igama eli lithetha ukuba ngenene uyafuneka kwiimeko zolwaphulo mthetho kule
ncwadi.
Umnika ifani enguMnenga. UMnenga sisilwanyana saselwandle esirhuqela kuso kwaxhoba
esilifumanayo elwandle. Kule ncwadi simbona erhuqela kuye uThantaswa,
uNompumelelo, ooSixaki, ooNqoza kunye nooSiphongo ukuze aphumeze ezakhe iinjongo
zokufumana imali. Akamkhathaleli nokuba ugqibela engene kuyiphi ingxaki lowo athe
wamrhuqela kuye ujonge ukumnqwamza qha. Akanalo nosini nokuba uThantaswa bazana
njani lunye ulwimi asebenza ngalo yimali aza kuyifumana Umzoba ngokumchaza ngqo.
• Umchaza athi 'wayeyinyoka nesele noMfezeko Mapheza' ngenxa yokuthathelwa kwakhe umntu
wakhe onguHlengiwe owayesele wahlukana naye. Oku ukusebenzisa ukuze avale nawaphi na
amathuba uMfezeko abenokuwafumana okuphanda eli tyala ngempumelelo. • Umbhali uchaza
njengofikelwe nguSathana akucinga ukuba naye angafumana kule mali kaThantaswa.
• Umbhali umchaza njengomfo onezigigaba uMfuneko- sitsho simve esitsho ukuba uMapheza akazi
kuhamba lula kuphando lwakhe ekho. Esinye isigigaba sesi sokudlisa uMapheza ngetyhefu ade
amthengele ixhwele uSiphongo ukuba amtshise ngoVutha kuba engafuni aphande ityala lokufa
kukaMsindisi.Umbona ekuthanda kakhulu ukuphumelela ngezinto ezingekho mthethweni
Uyamzoba nangokumchaza ngokwakhe okanye amenze azichaze ngokwakhe
• Ngeentetha zakhe uyatsho ukuba akazi kulungisa mthetho wonakala kudala.
• Uzichaza ngokwakhe azichaze njengesilambi xa ezithelekisa noYangaphi atsho abe angenza
nantoni ukuzilinganisa naye. Ukumzoba mayana: usibonisa izenzo zakhe apho azityhila
ngokwakhe ngezinto azenzayo sitsho sihlumise kuzo ukuba ungumlinganiswa onjani.
• Isenzo sokufowuna esazisa ngomphanga kaMsindisi siyawakhamnqisa amapolisa ukuba ebesele
eve ngabani engekho semsebenzini.
• Isenzo sokuthandana noHlengiwe azonde abantu abuye abuyele kuThantaswa
s
simzoba njengodlalani. Akayincami intokazi awayekhe wanayo ubetha ebuyelela
• Le mali ayifuna shushu yena, uyamlahla uThantaswa xa eyifuna gqitha kuba eso
UMBUZO 3
NGQINA UZIXHASE UKUBA INOVELI ETHI’INKAWU IDLIW’ILILA’YINOVELI ENGOLWAPHULO
MTHETHO.
• Owona mxholo uqhuba olu didi lwenoveli ngowokuba 'ubulungisa kanti yintoni
na?/wenzani umntu olilungisa kwintlalo yoluntu? Ufumanisa ukuba ilizwe lebali
liphume esiporweni okanye liziintlaba zahlukane kwindlela ekutolikwa ngayo
ubulungisa.
Xa ulimamela eli bali abantu seberhonorhono bonke ukuthathela kuMfuneko, Sixaki,
Thantaswa, Nqoza, Siphongo, Mdlambila bonke balwela ubulungisa obuza kwiziqu
zabo kuphela obungenanto yakwenza nesizwe siphela. Bonke, macala bacinga ukuba
bantsingiselonye ngobulungisa kanti abanye benza ubulungisa kanye xa besaphula
umthetho.
• Kuba nguqulukubhode abanemipu nemali okanye enye yazo beveza amandla abo
abe namapolisa kwelawo icala esithi ngumthetho onamandla. Kuloo qulukubhode
abantu baphila kabuhlungu bayoyika. Bona ukungcungcutheka olukwikhaya
likaMsindisi nabazalana naye sibe esi sibini sigcoloda kukuvuya.
• Eminye imixholo yolu didi ingabandakanya ukubuyisela isidima kwilizwe
elinobutshilikithi/lorhwaphilizo/inkululeko yomntu omnye okanye inkululeko
yeqela elithile labantu ngokuchasene nomthetho okanye inkululeko yabaninzi.
Kanye kanye le inoveli ijoliswe ekubuyiseleni isidima somthetho apho kunkone kanye
kwiziseko zomthetho-izikhululo zamapolisa, iiofisi ezigcina amafa, isigqwetha
esinoxanduva lokukhusela abantu kubarhwaphilizi kanti ngabo kanye abaza
kuntywilisela isizwe kurhwaphilizo. Simbonile uMdlambila onkone etshawuza efuna
esakhe isabelo kodwa nalapha umthetho uyaphumelela kuba kuthe kanti bakho
abababonayo.
• Kuxhaphakile ukubakho kolunqa malunga nokuba kanye kanye ngubani esi saphuli
mthetho.
Kube njalo kanye kule noveli kuba kusele kuqhuba uphando lokufumanisa ukuba
kanye kanye ngubani esi saphuli mthetho. Kuko okusokolisa uNqoza kuba izaphuli
mthetho zidlala u'ndize' kanye nale mbono.
UThantaswa
• Unyolukela ubomi obumnandi akuphuma esikolweni abufumane ngokuthandana
noMsindisi kodwa kunjalo amxokise ngomntwana uba asingowakhe kuba
selenyolukele ukutshatela kwesi sinhanha somfo.
• Akaneli ngumtshato uwodwa, ufuna amashishini kaMsindisi athi yena.Wenza iyelenqe
lokugebenga uMsindisi ekunye noMfuneko ukuze afumane imali kunye namashishini
akhe.
• Xa sele efile uMsindisi ufuna omnye umtshato kunye noMfuno ade abe kwibakala
lokuba babe nale mali kuba efuna uncedo kuye.
• Ugqibela engena kwimigibe ngemigibe ooMdlambila, ooNyangelethu kodwa
akufumanisa ukuba imali le yona akazukuyiva uthatha ubomi bakhe nobukaMfuneko.
Yitya sendityile!..
UMfuneko
• UMfuneko ulahla uThantaswa enomntwana naye kodwa akutshatwa nguMsindisi
umkhangela naphantsi kwebhedi. Uxolele nokuba ngumakhwapheni wakhe.
• Akumfumana uThantaswa naye ufuna amashishini kaMsindisi anokuwafumana xa
enokufa. Kuye yibhonasi le aza kuyifumana. Sesi sizathu kanye esibenza babe
ngamaphuthi ahlathinye noThantaswa.
• Ukunganeli kukaMfuneko sekungumkhwa kona kuba kuyanwenwa nje kule imeko
kaThantaswa. uThantaswa usebenzisa into esele inkone kakade ziziva namatshanda
okunyoluka. Sele kusisakhono kuye ukunyoluka oku. Nguye okhupha imipu yesipolisa
anike ababulali baye kungcolisa izandla zabo nangolwakhe uncedo. Uyaziwa ngoku
kunyoluka kuba ulipolisa elithengwayo ngabenzi bemikhuba ukusukela kulo uhamba
nokufa komyeni kaNompumelelo. Oku ukwenza kuba weya umrholo wasesipoliseni.
• Nakule ndibaniselwano noThantaswa nguye oza nooSixaki kuba naye ufuna inzuzo..
UMdlambila
• Ngenxa yokunyolukela imali enganeli yileyo ayifumanayo empela nyanga emsebenzini
ubikela uThantaswa ukuba akabhalwanga kwincwadi yamafa abe sele esithi unecebo
elihlawulelwayo kwangale mali noMfuneko ayisebenzelayo. Ngoku le mali inezixhiphoti
zamadoda eziyifunayo.
• Xa bezama ukutshintsha ilifa uThantaswa wenza impazamo, kuphixane umhla
wokusayinwa kwencwadi yamafa. Kuqale enye ingxaki.
USphongo
• Naye ungene waphelela kwesi sabatha kuba uMfuneko enamandla nje uwathatha kumandla
acinga ukuba akho kaSphongo.
• Uthi ngokunyolukela kwale mali inye azithele etshisa ityotyombe engasebenzisi nomthi
abexoka ngawo de atshise unyana wakhe buqu.
UMBUZO 6
UMZINGISI AKANASHWA.NGQINA LO MXHOLO NGEZIGANEKO EZINGQONGE UMFEZEKO KULE
NOVELI.
Ngamanye amazwi isaci sithetha ukuba ukungancami okanye ukunganikezeli
kwiimeko ezinzima kuba nomvuzo. UMfezeko, lipolisa elizinikezele ekulweni ubugewu
ngeli xesha ugxa wakhe uMfuneko antywile nzulu kumkhuba wobugewu. Unikwa
umsebenzi wokuphanda ababulali bakaMsindisi ngexesha kanye uMfuneko alilaleleyo
eli tyala ukuze azuze ngalo. Ngoko nangoko kuyacaca ukuba umqobo wokuqala uza
kuba nguMfuneko lo.
UMapheza-uMfezeko igama ulithatha eli tyala uMfuneko elilalele kuba efuna
ukugquka umkhondo kakade. Engekathathi nonyawo uMapheza ukusuka kwindawo
yexhwayelo, uMfuneko sele exelela uThantaswa ukuba amapolisa asendleleni eza kuye.
• UMfuneko uyatsho ngowakhe umlomo ukuba akuzi kuba lula kuye ukuba amsele
inyongo uMfezeko kuba abakhelani mililo kakade. Kodwa amvuyise uThantaswa ngokuthi
angaxhali kuba akazi kuhamba lula uMfezeko ekho yena Mfuneko. Ngoko nangoko
uThantaswa umthembisa ngento 'eya kumenza ancume yedwa xa efike ebhankini'
uMfuneko xa enokumbambela iibreki kuMapheza. Bayavumelana ukuba into eya kwenza
liphele eli tyala kukuba uMapheza afe ukuze yena Mfuneko azigqatsele ukuliphanda lize
liphelele emoyeni ityala.
• Balikhupha litsole kwincoko yabo ukuba makafe kuba kakade inkawu idliw'ilila
ngaba soze bonwabe. Kwangoko uMfuneko uhlalela ukumana esazisa uThantaswa
ngenyathelo ngalinye likaMfezeko.
• UMapheza noBhadula nesipolisa xa kuxoxwa kuvezwa iimbono ngeli tyala,
uMfuneko uvala ngelithi kuxhaphakile ukuba umfazi abekwe ityala efuna ukubatyhafisa.
abangathunywanga
De agquke umkhondo ngelithi ababulali ngabantu mntu
uMsindisi
abazizikrelemnqa ngendalo kunjalonje axoxe ngelithi ubulawe kuba ebesala
nemoto mhlawumbi. Uyaqina uMapheza ngelithi ukuba bebefuna izinto zikaMsindisi
bayidlakaze kangaka imoto injongo ibikukubulala qwaba.
bebengekhe
UMfuneko ude amlumkise uMapheza ukuba kufuneka achule ukunyathela ngenxa yohlobo
lwetyala aliphandayo. Uyazifungela uMapheza de athi 'umqol'uphandle kwezo zikrelemnqa
kwaye ukuba zisahamba phakathi kwabantu azilibonanga eliwinayo'. UMapheza ethetha
noNjinga nje uMfuneko ukrobe ngefestile.
UMfuneko umembela imisele uMfezeko ngokuxokisa amanye amapolisa ngelithi uza
kumpimpa kwapolisa kwaye wamtyabeka ngokuthi ungungcothoza oyimpimpi
ekungalunganga ukusebenza naye esikhululweni. Uxoka ngaye uMapheza kuNqoza, athi
wantama uSajini Zalala owagxothwayo ukuze aphelelwe ngumsebenzi, phofu ngemipu
eyayiyawabiwe nguye lo -Mfuneko.
Ude amthiye ukuba ulirhamba lesiziba. Ude uthenga amapolisa ukuba ahambele kude naye.
UNqoza uyayithenga le mbono ade abibitheke ngumsindo ukuqinisekisa ukuba intsebenziswano
kuphando lweli tyala ayiyikubuya ibe kho. UMfuneko ubethelela izikhonkwane ngokuthi makaliwe
uMfezeko. UNqoza ucelwa kanye kwesi sithuba ukuba ancedise uMapheza kuphando lweli tyala.
UNqoza uzimisele ukuba uMapheza akayi kufumana mixhaka ngenxa yakhe tu kunjalonje uthi
efuna ukungangeni kweli tyala aboniswe nguMfuneko ukuba uya kuphosa injongo yakhe
ngoMapheza ukuba akalithathi.
Akuvuma uNqoza uyalelwa ukuba adlulise konke okufunyenwe nguMfezeko eluphandweni
kuMfuneko lilonke abe nguKhala wakhe ade azincome ukuba umdlise umgquba wehagu
ngoMapheza. UNqoza akancedisi sele kumele ukuba abuze imibuzo kuThantaswa mhla baseVulli
valley.
UMapheza uneempawu azibonayo ezifana nokungcangcazela kwezandla, ukugushugushuza,
ukubila. Akafuni uNqoza ukuba benze ustop and search ekrokra uMapheza.
UNqoza uyigalela amanzi into yokungahambelani kwentetho kayise kaMsindisi nekaThantaswa
ebonwa nguMapheza kodwa ayiqaphele loo nto uMapheza. Umile uMapheza ekuthini lo mfazi
unolwazi ngokufa kukaMsindisi kodwa umkhondo uman'ukulahlwa nguNqoza lo kodwa yena
ngezakhe iinjongo.
UNqoza umana ukuxelela uMfuneko ngeziphumo zophando ayalwe ukuba angayivumi eyokuba
uThantaswa wayamene nokufa komyeni wakhe.
UThantaswa uyabuza ukuba kanti ufa nini lo Mapheza unezothe? Ivela ngoko nangoko ingcinga
yokuba uza kumyela kwixhwele lakhe uSiphongo afune umalingatshoni. UThantaswa umfuna
ngembumbulu phakathi kwamehlo kuphele into ebithethwa.
UMfezeko uphupha esesibhedlele enxibe iimpahla zezigulana uHlengiwe elila ecaleni kwakhe kanti
kuloko uMfuneko eza kumgalelela lo malingatshoni kwisiselo sakhe ethumela uNqoza.
Esesibhedlele njalo ooSixaki bangena kwakhe bayogoqulula befuna nantoni na enokuphazamisa olu
phando baphuma bephaca.
Akuphuma eICU baqulunqa ukumfaka phantsi kwengubo kaqaqaqa.
Xa ethi 'ukufa ukwahlule' uNqoza akapheli mandla uze kumlobela ukuba amse exhweleni eliza
kumtshisa ngoVutha. Xa efika exhweleni kanti beviwe nguNontsikelelo ongumkhwetha kaSiphongo
ukuba bafuna ukumbulala.
Usindiswa nguNontsikelelo apho athi akuphila azimisele ukuphanda eyedwa ngaphandle koNqoza.
Uba namanakani wokuba uMfuneko unesandla kuzo zonke iimeko angene kuzo. UNontsikelelo
uyavuzwa nguMapheza ngomsebenzi wakhe omhle.
Akubuyela emsebenzini uMapheza, uNqoza noMfuneko banqunyanyiswa emsebenzini.
UMapheza uliphanda ityala lokufa kukaMsindisi ade abafumane ababulali ngokubaxelelwa
nguBhanqo ngoMbu emva kokubathembisa nangamabhaso ancumisayo.
USixaki uyaloqa avele onke amanyundululu bade bagwetywe. Bayaguqulana ooZalala noNqoza ngokuba
uMapheza akenzanga nto nguMfuneko.
UThantaswa uzidubula kunye noMfuneko aphume etshaya uMapheza ebubini. Oku kuphumelela
kwakhe kungqina ukuba ngokwenene umzingisi akanashwa kuba naku uMapheza ephumelela
noxa bekuqale kwangathi akuzukulunga.